Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 1:2-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. kwanabazalwana aba bonke banam, uthi kuwo amabandla kaThixo akwelaseGalati:

3. Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu;

4. owazinikelayo ngenxa yezono zethu, ukuze asinyothule kwiphakade eli langoku lingendawo, ngokokuthanda kukaThixo uBawo wethu.

5. Kuye makubekho uzuko, kude kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

6. Ndimangalisiwe kukuba niphambuke kamsinya kangaka kulowo wanibizayo ngobabalo lukaKristu, niye kwiindaba ezilungileyo ezizimbi;

7. ezingezizo nokuba zizo ezinye; koko kukho bathile banikhathazayo, bathandayo ukuzigqwetha iindaba ezilungileyo zikaKristu.

8. Ke, nokokuba sisuke thina aba, nokokuba sisuke isithunywa sasezulwini sanishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo sanishumayezayo, masisingelwe phantsi.

9. Njengokuba besesitshilo, ndiyaphinda, ndithi nangoku, Ukuba ubani unishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo nazamkelayo, makasingelwe phantsi.

10. Kuba ngoku ndithomalalisa abantu, ndithomalalisa uThixo, kusini na? Ndifuna ukukholisa abantu na? Ukuba ndingaba ndisakholisa abantu, ndingaba andingumkhonzi kaKristu.

11. Ke kaloku, ndiyanazisa, bazalwana, ukuba azingokomntu iindaba ezilungileyo ezi, zashunyayelwayo ndim;

12. kuba nam lo andizamkelanga mntwini, andizifundiswanga nokuzifundiswa; ndazamkela ngokutyhilelwa nguYesu Kristu.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 1