Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 1:15-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ke, xenikweni kwakholekayo kuThixo, owandahlulayo kwasesizalweni sikama, wandibiza ngalo ubabalo lwakhe,

16. ukuba amtyhile uNyana wakhe ngaphakathi kwam, ukuze ndimshumayele ngeendaba ezilungileyo phakathi kweentlanga: kwaoko andibhekisanga nto kwinyama negazi.

17. Andinyukanga nokunyuka ndiye eYerusalem, kubo ababengabapostile ngaphambi kwam; ndesuka ndaya kwelaseArabhi, ndaza ndabuyela eDamasko.

18. Ndandula ndathi, emva kweminyaka emithathu, ndenyuka ndaya eYerusalem, ukuba ndazane noPetros; ndahlala naye iintsuku ezilishumi elinantlanu.

19. Andibonanga wumbi ke kubapostile, yaba nguYakobi, umzalwana weNkosi, yedwa.

20. Izinto ke endinibhalela zona, yabonani, ndithetha emehlweni kaThixo, andixoki.

21. Emva koko ndeza kwimimandla yelaseSiriya nelaseKilikiya;

22. ndaye ke ndingàziwa ngesiqu ngawo amabandla akwelamaYuda, akuKristu;

23. banela ukuva kwakuphela ukuba, Lowo wayefudula esitshutshisa, ngoku ushumayela iindaba ezilungileyo zokholo abefudula elubhuqa.

24. Bamzukisa uThixo ngam.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 1