Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 1:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UPawulos, umpostile* (ongavele bantwini, kanjalo kungengamntu; kungaye uYesu Kristu, noThixo uYise, owamvusayo kwabafileyo),

2. kwanabazalwana aba bonke banam, uthi kuwo amabandla kaThixo akwelaseGalati:

3. Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu;

4. owazinikelayo ngenxa yezono zethu, ukuze asinyothule kwiphakade eli langoku lingendawo, ngokokuthanda kukaThixo uBawo wethu.

5. Kuye makubekho uzuko, kude kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

6. Ndimangalisiwe kukuba niphambuke kamsinya kangaka kulowo wanibizayo ngobabalo lukaKristu, niye kwiindaba ezilungileyo ezizimbi;

7. ezingezizo nokuba zizo ezinye; koko kukho bathile banikhathazayo, bathandayo ukuzigqwetha iindaba ezilungileyo zikaKristu.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 1