Testamente Endala

Testamente Entsha

Kufilemon 1:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Kuba sinovuyo nothuthuzeleko olukhulu ngalo uthando lwakho, ngokuba izibilini zabangcwele ziphunyuziwe ngawe, mzalwana.

8. Kungoko endithi, nakuba ndinako ukungafihlisi okukhulu kuKristu, kokuba ndikuthethele okufanelekileyo,

9. noko ngenxa yothando ndisuka kanye ndikubongoze, ndíngonjengoPawulos ixhego, ngoku ke ndikwangumbanjwa kaYesu Kristu.

10. Ndikubongoza ngenxa yomntwana wam, uOnesimo, endimzeleyo ndisezintanjeni;

11. obefudula engeluncedo lwanto kuwe, kodwa ngoku kuwe nakum unoncedo oluhle. Lowo ndimbuyisele kuwe;

12. wena ke mamkele, oko kukuthi, yamkela izibilini zam;

funda isahluko epheleleyo Kufilemon 1