Testamente Endala

Testamente Entsha

Kufilemon 1:20-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Ewe, mzalwana, mandincedeke ngawe mna ngokwaseNkosini; ziphumze izibilini zam ngokwaseNkosini.

21. Ndikubhalele ndeyisekile kukundilulamela kwakho, ndisazi ukuba ùya kwenza nangaphezulu koko ndikuthethayo.

22. Kunye ke noko, ndilungisele indawo yokuhlala; kuba ndithembile ukuba ngayo imithandazo yenu nondiphiwa.

23. Uyakubulisa uEpafras, umbanjwa ndawonye nam wakwaKristu Yesu,

24. kwanoMarko, noAristarko, noDemasi, noLuka, abasebenzisana nam.

25. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu. Amen.

funda isahluko epheleleyo Kufilemon 1