Testamente Endala

Testamente Entsha

Kufilemon 1:13-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. ebendinga mna ndingasendihlala naye apha, ukuze athi endaweni yakho andilungiselele, ndísezintanjeni ngenxa yeendaba ezilungileyo ezi;

14. kodwa andithandanga kwenza nto, ungatshongo wena, ukuze ukulunga kwakho kungangi kokokunyanzelwa, kube kokokuvuma.

15. Kuba mhlawumbi wahlukaniswa umzuzwana nawe ngenxa yoku, ukuze umzuze ngokwaphakade;

16. engasenjengekhoboka, esuke wangaphezu kwekhoboka, engumzalwana oyintanda, ngokukodwa kum; kubeke phi na ke kuwe, ngokwenyama nangokweNkosi?

17. Ngoko ke, ukuba ùnobudlelane nam, mamkele njengam.

18. Ukuba wakona, nokuba unetyala kuwe, oko kubalele kum.

19. Mna Pawulos ndikubhalé ngesam isandla ukuthi, mna ndokuhlawula; endingàtshoyo kuwe ukuthi, kum ùnetyala elingaphezulu, elinguwe ngokwakho.

20. Ewe, mzalwana, mandincedeke ngawe mna ngokwaseNkosini; ziphumze izibilini zam ngokwaseNkosini.

21. Ndikubhalele ndeyisekile kukundilulamela kwakho, ndisazi ukuba ùya kwenza nangaphezulu koko ndikuthethayo.

22. Kunye ke noko, ndilungisele indawo yokuhlala; kuba ndithembile ukuba ngayo imithandazo yenu nondiphiwa.

23. Uyakubulisa uEpafras, umbanjwa ndawonye nam wakwaKristu Yesu,

funda isahluko epheleleyo Kufilemon 1