10. Ndikubongoza ngenxa yomntwana wam, uOnesimo, endimzeleyo ndisezintanjeni;
11. obefudula engeluncedo lwanto kuwe, kodwa ngoku kuwe nakum unoncedo oluhle. Lowo ndimbuyisele kuwe;
12. wena ke mamkele, oko kukuthi, yamkela izibilini zam;
13. ebendinga mna ndingasendihlala naye apha, ukuze athi endaweni yakho andilungiselele, ndísezintanjeni ngenxa yeendaba ezilungileyo ezi;
14. kodwa andithandanga kwenza nto, ungatshongo wena, ukuze ukulunga kwakho kungangi kokokunyanzelwa, kube kokokuvuma.
15. Kuba mhlawumbi wahlukaniswa umzuzwana nawe ngenxa yoku, ukuze umzuze ngokwaphakade;
16. engasenjengekhoboka, esuke wangaphezu kwekhoboka, engumzalwana oyintanda, ngokukodwa kum; kubeke phi na ke kuwe, ngokwenyama nangokweNkosi?
17. Ngoko ke, ukuba ùnobudlelane nam, mamkele njengam.
18. Ukuba wakona, nokuba unetyala kuwe, oko kubalele kum.