Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 9:8-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Wavuka ke uSawule emhlabeni; wathi akuvulwa amehlo akhe, akabona mntu; bamrhola ke ngesandla, baza kumngenisa eDamasko.

9. Waye emihla mithathu engaboni, engadli, engaseli nokusela.

10. Ke kaloku bekukho mfundi uthile eDamasko, ugama linguHananiya; yathi iNkosi kuye embonweni, Hananiya.

11. Uthe ke yena, Ndilapha, Nkosi. Ithe ke iNkosi kuye, Phakama, uye esitratweni ekuthiwa sesithe Tye, ubúzise endlwini kaYuda umntu ogama linguSawule waseTarso; kuba nanko ethandaza;

12. waye ebone embonweni indoda egama linguHananiya ingena, ibeka isandla phezu kwakhe, ukuze abuye abone.

13. Uphendule ke uHananiya wathi, Nkosi, ndivile kwabaninzi ngale ndoda, ukuba zinkulu kwazo izinto ezimbi ezenzé kwabangcwele bakho eYerusalem;

14. nalapha, ikho nje, inegunya kubabingeleli abakhulu lokukhonkxa bonke abo balinqulayo igama lakho.

15. Yathi ke kuye iNkosi, Yiya; ngokuba lowo usisitya esinyuliweyo ndim, sokuphatha igama lam emehlweni eentlanga, nookumkani, kwanoonyana bakaSirayeli;

16. kuba mna ndiya kumbonisa ukuba zinkulu kwezinto ezinzima, amelwe kukuziva ngenxa yegama lam.

17. Wemka ke uHananiya, waya kungena endlwini; ebeke izandla phezu kwakhe, wathi, Sawule, mzalwana, indithumile iNkosi uYesu, ebonakele kuwe endleleni oze ngayo, ukuze ubuye ubone, uzaliswe nguMoya oyiNgcwele.

18. Kwaoko kwawa emehlweni akhe izinto ezingathi ziinkwethu; wabuya wabona kwaoko, wavuka, wabhaptizwa;

19. wathi akuba edlile, womelezeka.Ke kaloku uSawule waba nemihla ethile kubafundi abaseDamasko.

20. Waye kwaoko, ezindlwini zesikungu, emvakalisa uYesu, ukuba lowo unguye uNyana kaThixo.

21. Bathi nqa ke bonke abamvayo, bathi, Lo kanene asinguye na owababhuqa eYerusalem abo babelinqula eli gama? Waye nalapha ezele le nto, ukuba abase bekhonkxiwe kubabingeleli abakhulu.

22. Kwaba kukhona ke womelelayo uSawule; wabetha adubadubeka amaYuda abemi eDamasko, ebonakalalisa ukuba lo nguye uKristu.*

23. Ke kaloku, kwakuzaliseka imihla eyaneleyo, abhunga amaYuda ukuba amsike.

24. Laziwa ke nguSawule iyelenqe lawo elo. Àwagcina ke namasango imini nobusuku, ukuba amsike.

25. Bamthabatha ke abafundi ebusuku, bamhlisa ngodonga, bemthoba ngengobozi.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 9