Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 9:29-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Wamana ethetha ephikisana namaYuda esiGrike; ayezamela ke wona ukumsika.

30. Bekwazile ke oko abazalwana, bamhlisela eKesareya, bamthumela eTarso.

31. Laye ke ngoko ibandla kulo lonke elakwaYuda, nelaseGalili, nelaseSamariya, linoxolo, lisakheka, lihamba liyoyika iNkosi; laye lisanda ngentuthuzelo yoMoya oyiNgcwele.

32. Ke kaloku, akuba uPetros etyhutyha iindawo zonke, wehla weza nakwabangcwele ababemi eLida.

33. Wafumana ke khona umntu othile, ogama linguEneya, eminyaka isibhozo elele elukhukweni enedumbe.

34. Wathi uPetros kuye, Eneya, úyakuphilisa uYesu Kristu; vuka, wandlule. Wavuka kwaoko.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 9