Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 8:25-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Bona ke ngoko, bakuba beqononondisile, belithetha ilizwi leNkosi, babuya beza eYerusalem; kanjalo imizi emininzi yelaseSamariya bayishumayeza iindaba ezilungileyo.

26. Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi kuFilipu, sisithi, Suka usinge ezantsi, ngendlela ehla ivela eYerusalem, eya eGaza, yona iyintlango.

27. Usukile ke waya. Kwavela indoda engumTiyopiya,* ithenwa, isikhulu sikaKandase, ukumkanikazi wamaTiyopiya, ebiphethe bonke ubutyebi bakhe, eyayize kunqula uThixo eYerusalem.

28. Yayibuya, ihleli enqwelweni yayo, ilesa incwadi yomprofeti uIsaya.

29. Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo.

30. Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya; wathi, Ùyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo?

31. Ithe ke yona, Ndingaba nako ngani na, kungekho undikhokelayo nje? Kanjalo yambongoza uFilipu ukuba akhwele ahlale nayo.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 8