Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 8:15-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. abathi bona bakuhla, babathandazela, ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele;

16. kuba ebengekaweli namnye kubo; babebhaptizelwe nje kodwa egameni leNkosi uYesu.

17. Bandula ukubeka izandla phezu kwabo, bamamkela ke uMoya oyiNgcwele.

18. Ke kaloku uSimon, akubona ukuba ngokubekwa kwezandla zabapostile uyanikwa uMoya oyiNgcwele, wezisa kubo imali, esithi,

19. Ndinikeni nam eli gunya, ukuze lowo, ndithe ndazibeka izandla phezu kwakhe, amkele uMoya oyiNgcwele.

20. Uthe ke uPetros kuye, Isilivere yakho mayiye kutshabalala nawe; ngokuba ububa isipho sikaThixo singázuzwa ngemali.

21. Akunasahlulo nasabelo kule nto; kuba intliziyo yakho ayithe tye emehlweni kaThixo.

22. Guquka ngoko kobo bubi bakho, ukhunge kuThixo, ukuba ingáthi mhlawumbi ixolelwe ingcingane yentliziyo yakho.

23. Kuba ndiyabona ukuba usenyongweni yobukrakra, nasentanjeni yentswelabulungisa.

24. Waphendula ke uSimon wathi, Ndikhungeleni nina eNkosini, ukuze ndingahlelwa nanye yezo zinto nizithethileyo.

25. Bona ke ngoko, bakuba beqononondisile, belithetha ilizwi leNkosi, babuya beza eYerusalem; kanjalo imizi emininzi yelaseSamariya bayishumayeza iindaba ezilungileyo.

26. Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi kuFilipu, sisithi, Suka usinge ezantsi, ngendlela ehla ivela eYerusalem, eya eGaza, yona iyintlango.

27. Usukile ke waya. Kwavela indoda engumTiyopiya,* ithenwa, isikhulu sikaKandase, ukumkanikazi wamaTiyopiya, ebiphethe bonke ubutyebi bakhe, eyayize kunqula uThixo eYerusalem.

28. Yayibuya, ihleli enqwelweni yayo, ilesa incwadi yomprofeti uIsaya.

29. Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo.

30. Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya; wathi, Ùyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo?

funda isahluko epheleleyo Izenzo 8