Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 8:11-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Baye ke bemphulaphula, ngenxa yokuba ixesha elide wabetha bee nqa ngobunyangi bakhe.

12. Xenikweni ke bakholwáyo nguFilipu, eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo, nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa amadoda kwanabafazi.

13. Wakholwa ke kwanaye uSimon; wathi akubhaptizwa, wazingisa ukuhlala noFilipu, ebona imiqondiso kwanemisebenzi emikhulu yamandla isenzeka, wathi nqa.

14. Ke kaloku, bakuva abapostile ababeseYerusalem, ukuba abaseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathuma uPetros noYohane kubo;

15. abathi bona bakuhla, babathandazela, ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele;

16. kuba ebengekaweli namnye kubo; babebhaptizelwe nje kodwa egameni leNkosi uYesu.

17. Bandula ukubeka izandla phezu kwabo, bamamkela ke uMoya oyiNgcwele.

18. Ke kaloku uSimon, akubona ukuba ngokubekwa kwezandla zabapostile uyanikwa uMoya oyiNgcwele, wezisa kubo imali, esithi,

19. Ndinikeni nam eli gunya, ukuze lowo, ndithe ndazibeka izandla phezu kwakhe, amkele uMoya oyiNgcwele.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 8