Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 7:9-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Bathi oomawokhulu, bemmonele uYosefu, bathengisa ngaye, bamsingisa eYiputa; kodwa uThixo waba naye,

10. wamncothula kuzo zonke iimbandezelo zakhe, wambabala ngobulumko phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; wammisa ukuba abe yirhuluneli phezu kweYiputa nendlu yakhe iphela.

11. Ke kaloku kwafika indlala kuwo umhlaba waseYiputa uphela, nowakwaKanan, nembandezelo enkulu; baye oobawo bethu bengafumani kudla.

12. Akuva ke uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wesusa oobawo bethu okokuqala.

13. Wathi ngokwesibini, uYosefu wabuya waziwa ngabazalwana bakhe, saza isizalwane sikaYosefu saveliswa kuFaro.

14. Wathumela ke uYosefu wambiza uyise uYakobi, nabo bonke abazalana naye, bayimiphefumlo engamashumi osixhenxe anesihlanu.

15. Wehla ke uYakobi, waya eYiputa, wabhubha yena noobawo bethu;

16. baza bathwalwa basiwa kwaShekem, babekwa engcwabeni awalithengayo uAbraham ngexabiso lemali koonyana bakaHamore, usoShekem.

17. Lithe ke, lakuba lisondele ixesha ledinga, awalifungayo uThixo kuAbraham, bakhula abantu, banda eYiputa,

18. kwada kwavela kumkani wumbi, ubengamazi uYosefu.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 7