Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 7:44-55 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

44. Umnquba wesingqino wawukoobawo bethu entlango, njengoko wayemisele ngako owayethetha noMoses, ukuba awenze ngokomfanekiso abewubonile;

45. lo kanjalo bawungenisáyo, benikelana ngawo oobawo bethu, benoYoshuwa ekuthinjweni kweentlanga, ezo wazigxothayo uThixo ebusweni boobawo bethu, kwada kwayimihla kaDavide;

46. owababalwayo nguThixo, wacela ukuba amfumanele uThixo kaYakobi umnquba.

47. NguSolomon ke owamakhela indlu.

48. Noko Osenyangweni yena akemi zitempileni zenziwe ngazandla; njengokuba esitsho umprofeti ukuthi,

49. Izulu liyitrone yam,Ke ihlabathi sisihlalo seenyawo zam;Yindlu enjani na eniya kuyakhela mna? itsho iNkosi;Yiyiphi na yona indawo yokuphumla kwam?

50. Àsisisandla sam na, esenza zonke ezo zinto?(UIsaya 66:1,2)

51. Nina bantamo zilukhuni, bangalukileyo ngentliziyo, nangendlebe, nihleli nibambene noMoya oyiNgcwele; njengabo ooyihlo, nani ninjalo.

52. Kubo abaprofeti nguwuphi na ongatshutshiswanga ngooyihlo? Bababulala ababexela ngenxa engaphambili ukuza koliLungisa; enithe kalokunje naba ngabanikeli nababulali bakhe;

53. nina nawamkelayo umthetho, niwumiselwa zizithunywa zezulu, anawugcina.

54. Ke kaloku, bathi bakuziva ezi zinto, bahlabeka ezintliziyweni zabo, bamtshixizela amazinyo.

55. Ke yena, ezele nguMoya oyiNgcwele, waqwalasela ezulwini, wabona ubuqaqawuli bukaThixo, noYesu emi ngasekunene kukaThixo.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 7