Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 7:44-54 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

44. Umnquba wesingqino wawukoobawo bethu entlango, njengoko wayemisele ngako owayethetha noMoses, ukuba awenze ngokomfanekiso abewubonile;

45. lo kanjalo bawungenisáyo, benikelana ngawo oobawo bethu, benoYoshuwa ekuthinjweni kweentlanga, ezo wazigxothayo uThixo ebusweni boobawo bethu, kwada kwayimihla kaDavide;

46. owababalwayo nguThixo, wacela ukuba amfumanele uThixo kaYakobi umnquba.

47. NguSolomon ke owamakhela indlu.

48. Noko Osenyangweni yena akemi zitempileni zenziwe ngazandla; njengokuba esitsho umprofeti ukuthi,

49. Izulu liyitrone yam,Ke ihlabathi sisihlalo seenyawo zam;Yindlu enjani na eniya kuyakhela mna? itsho iNkosi;Yiyiphi na yona indawo yokuphumla kwam?

50. Àsisisandla sam na, esenza zonke ezo zinto?(UIsaya 66:1,2)

51. Nina bantamo zilukhuni, bangalukileyo ngentliziyo, nangendlebe, nihleli nibambene noMoya oyiNgcwele; njengabo ooyihlo, nani ninjalo.

52. Kubo abaprofeti nguwuphi na ongatshutshiswanga ngooyihlo? Bababulala ababexela ngenxa engaphambili ukuza koliLungisa; enithe kalokunje naba ngabanikeli nababulali bakhe;

53. nina nawamkelayo umthetho, niwumiselwa zizithunywa zezulu, anawugcina.

54. Ke kaloku, bathi bakuziva ezi zinto, bahlabeka ezintliziyweni zabo, bamtshixizela amazinyo.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 7