41. Benza ithole ngaloo mihla, benyusa amadini, bawasa esithixweni eso, baba nemihlali yimisebenzi yezabo izandla.
42. Wajika ke uThixo, wabanikela ukuba bakhonze umkhosi wezulu; njengoko kubhaliweyo encwadini yabaprofeti kwathiwa,Ningaba nisondezé kum imibingelelo neminikelo yini naIminyaka emashumi mané entlango, ndlu kaSirayeli?
43. Nathwala umnquba kaMoleki,Nenkwenkwezi yothixo wenu uRemfan,Imifanekiso ke leyo enayenzayo ukuba niqubude kuyo;Ndaye ke ndiya kunifudusela ngaphaya kweBhabheli.(UAm. 5:25-27)
44. Umnquba wesingqino wawukoobawo bethu entlango, njengoko wayemisele ngako owayethetha noMoses, ukuba awenze ngokomfanekiso abewubonile;
45. lo kanjalo bawungenisáyo, benikelana ngawo oobawo bethu, benoYoshuwa ekuthinjweni kweentlanga, ezo wazigxothayo uThixo ebusweni boobawo bethu, kwada kwayimihla kaDavide;
46. owababalwayo nguThixo, wacela ukuba amfumanele uThixo kaYakobi umnquba.
47. NguSolomon ke owamakhela indlu.
48. Noko Osenyangweni yena akemi zitempileni zenziwe ngazandla; njengokuba esitsho umprofeti ukuthi,
49. Izulu liyitrone yam,Ke ihlabathi sisihlalo seenyawo zam;Yindlu enjani na eniya kuyakhela mna? itsho iNkosi;Yiyiphi na yona indawo yokuphumla kwam?
50. Àsisisandla sam na, esenza zonke ezo zinto?(UIsaya 66:1,2)
51. Nina bantamo zilukhuni, bangalukileyo ngentliziyo, nangendlebe, nihleli nibambene noMoya oyiNgcwele; njengabo ooyihlo, nani ninjalo.
52. Kubo abaprofeti nguwuphi na ongatshutshiswanga ngooyihlo? Bababulala ababexela ngenxa engaphambili ukuza koliLungisa; enithe kalokunje naba ngabanikeli nababulali bakhe;