Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 7:40-49 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. besithi kuAron, Senzele oothixo abaya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses wasikhuphayo emhlabeni waseYiputa, asiyazi into emhleleyo.

41. Benza ithole ngaloo mihla, benyusa amadini, bawasa esithixweni eso, baba nemihlali yimisebenzi yezabo izandla.

42. Wajika ke uThixo, wabanikela ukuba bakhonze umkhosi wezulu; njengoko kubhaliweyo encwadini yabaprofeti kwathiwa,Ningaba nisondezé kum imibingelelo neminikelo yini naIminyaka emashumi mané entlango, ndlu kaSirayeli?

43. Nathwala umnquba kaMoleki,Nenkwenkwezi yothixo wenu uRemfan,Imifanekiso ke leyo enayenzayo ukuba niqubude kuyo;Ndaye ke ndiya kunifudusela ngaphaya kweBhabheli.(UAm. 5:25-27)

44. Umnquba wesingqino wawukoobawo bethu entlango, njengoko wayemisele ngako owayethetha noMoses, ukuba awenze ngokomfanekiso abewubonile;

45. lo kanjalo bawungenisáyo, benikelana ngawo oobawo bethu, benoYoshuwa ekuthinjweni kweentlanga, ezo wazigxothayo uThixo ebusweni boobawo bethu, kwada kwayimihla kaDavide;

46. owababalwayo nguThixo, wacela ukuba amfumanele uThixo kaYakobi umnquba.

47. NguSolomon ke owamakhela indlu.

48. Noko Osenyangweni yena akemi zitempileni zenziwe ngazandla; njengokuba esitsho umprofeti ukuthi,

49. Izulu liyitrone yam,Ke ihlabathi sisihlalo seenyawo zam;Yindlu enjani na eniya kuyakhela mna? itsho iNkosi;Yiyiphi na yona indawo yokuphumla kwam?

funda isahluko epheleleyo Izenzo 7