Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 7:29-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Wasaba ke uMoses ngelo lizwi, wangumphambukeli emhlabeni wakwaMidiyan, apho wazalela khona oonyana bababini.

30. Kuthe ke kwakuzaliseka iminyaka emashumi mané, kwabonakala kuye kwintlango yentaba yeSinayi isithunywa seNkosi, elangatyeni lomlilo etyholweni.

31. Ke kaloku, akukubona oko uMoses, wamangaliswa ngumbono lowo. Kuthe ke, akusondela ukuba awuqiqe, kwafika izwi leNkosi kuye lisithi,

32. Mna ndinguThixo wabo ooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wesuka ke wagubha uMoses, akaba nabuganga bakuwuqiqa.

33. Ithe ke kuye iNkosi, Zithukulule iimbadada ezinyaweni zakho; kuba indawo leyo umi kuyo ingumhlaba ongcwele.

34. Ndikubonile ndakubona ukuphathwa kakubi kwabantu bam abaseYiputa, ndakuva nokuncwina kwabo; ndihlile, ukuze ndibahlangule. Yiza ngoku, ndikuthume eYiputa.

35. Lo Moses bamkhanyeláyo, besithi, Ùmiswe ngubani na, ukuba ube ngumphathi nomahluli? uThixo wathuma yena, ukuba abe ngumphathi nomhlanguli ngesandla sesithunywa esabonakalayo kuye etyholweni.

36. Yena lowo wabakhupha, akubon' ukuba wenzé izimanga nemiqondiso emhlabeni waseYiputa, naseLwandle oluBomvu,* nasentlango, iminyaka engamashumi omané.

37. Lowo nguloo Moses wathi koonyana bakaSirayeli, INkosi, uThixo wenu, iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; nize nimve yena.

38. Nguye lowo owayephakathi kwalo ibandla entlango, ndawonye nesithunywa sezulu, ebesithetha naye entabeni yeSinayi, noobawo bethu; owamkelayo izihlabo zobomi, ukuze azinikele kuthi;

39. abangathandanga kumlulamela oobawo bethu, besuka bamgiba, babuyela eYiputa ngeentliziyo zabo,

40. besithi kuAron, Senzele oothixo abaya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses wasikhuphayo emhlabeni waseYiputa, asiyazi into emhleleyo.

41. Benza ithole ngaloo mihla, benyusa amadini, bawasa esithixweni eso, baba nemihlali yimisebenzi yezabo izandla.

42. Wajika ke uThixo, wabanikela ukuba bakhonze umkhosi wezulu; njengoko kubhaliweyo encwadini yabaprofeti kwathiwa,Ningaba nisondezé kum imibingelelo neminikelo yini naIminyaka emashumi mané entlango, ndlu kaSirayeli?

43. Nathwala umnquba kaMoleki,Nenkwenkwezi yothixo wenu uRemfan,Imifanekiso ke leyo enayenzayo ukuba niqubude kuyo;Ndaye ke ndiya kunifudusela ngaphaya kweBhabheli.(UAm. 5:25-27)

44. Umnquba wesingqino wawukoobawo bethu entlango, njengoko wayemisele ngako owayethetha noMoses, ukuba awenze ngokomfanekiso abewubonile;

45. lo kanjalo bawungenisáyo, benikelana ngawo oobawo bethu, benoYoshuwa ekuthinjweni kweentlanga, ezo wazigxothayo uThixo ebusweni boobawo bethu, kwada kwayimihla kaDavide;

46. owababalwayo nguThixo, wacela ukuba amfumanele uThixo kaYakobi umnquba.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 7