Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 7:20-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Ekuthe ke kwelo xesha, kwazalwa uMoses; waye emhle kuThixo, wondliwa iinyanga zantathu endlwini kayise.

21. Elahliwe ke, yamchola intombi kaFaro, yazondlela ukuba abe ngunyana wayo.

22. Waqeqeshwa ke uMoses kubo bonke ubulumko bamaYiputa; waye ke eyinkunkqele ngamazwi nangemisebenzi.

23. Kuthe ke, kwakuzaliseka kuye ixesha leminyaka engamashumi amané, kwathi qatha entliziyweni yakhe ukukha aye kuvelela abazalwana bakhe, oonyana bakaSirayeli.

24. Waza, akubona othile esoniwa, wamhlanganisela, wamphindezelela lowo ucinezelweyo ngokumthi qwaka umYiputa:

25. wayeba ke yena boqonda abazalwana bakhe ukuba uThixo ebeya kubasindisa ngesandla sakhe; abaqondanga ke bona.

26. Kananjalo ngengomso wabonakala kubo besilwa, wabanyanzela ukuba baxolisane, esithi, Madoda, niyazalana nina; yini na ukuba nonane?

27. Uthe ke yena owayemonile uwabo wamgiba, esithi, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumphathi nomahluli phakathi kwethu?

28. Ungaba wena ufuna ukundisika na, ngohlobo omsike ngalo umYiputa izolo?

29. Wasaba ke uMoses ngelo lizwi, wangumphambukeli emhlabeni wakwaMidiyan, apho wazalela khona oonyana bababini.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 7