19. Lowo wabalumkisa abakowethu, wabaphatha kakubi oobawo bethu, ngokokuze bazilahle iintsana zabo, ukuze zingabudli ubomi.
20. Ekuthe ke kwelo xesha, kwazalwa uMoses; waye emhle kuThixo, wondliwa iinyanga zantathu endlwini kayise.
21. Elahliwe ke, yamchola intombi kaFaro, yazondlela ukuba abe ngunyana wayo.
22. Waqeqeshwa ke uMoses kubo bonke ubulumko bamaYiputa; waye ke eyinkunkqele ngamazwi nangemisebenzi.
23. Kuthe ke, kwakuzaliseka kuye ixesha leminyaka engamashumi amané, kwathi qatha entliziyweni yakhe ukukha aye kuvelela abazalwana bakhe, oonyana bakaSirayeli.