Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 7:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathi ke umbingeleli omkhulu, Zinjalo na ke ezi ndawo?

2. Uthe ke yena:Madoda, bazalwana, nani bobawo, phulaphulani. UThixo wozuko wabonakala kubawo wethu uAbraham, ekwelaseMesopotami, phambi kokuma kwakhe kwelakwaHaran,

3. wathi kuye, Phuma kuwo umhlaba wakowenu nasemizalwaneni yakho, uze emhlabeni endingákubonisa wona.

4. Waza waphuma ke emhlabeni wamaKaledi, wema kwelakwaHaran. Emveni kokufa kukayise, wamsusa apho, wamfudusela kuló mhlaba nimiyo kuwo nina ngoku.

5. Akamnika lifa kuwo, kwanendawo engangonyawo; kodwa wambeka ngedinga lokuba uya kumnika ube ngowakhe, nembewu yakhe emva kwakhe, phofu engekabi namntwana.

6. Ke kaloku wenjenje uThixo ukuthetha, wathi, imbewu yakhe iya kuba ngabaphambukeli emhlabeni wabasemzini; baya kuyenza amakhoboka, bayiphathe kakubi iminyaka engamakhulu omané.

7. Nohlanga olo, ethe yangamakhoboka kulo, ndiya kulugweba mna, watsho uThixo; yaye, emveni kwezi zinto, iya kuphuma indikhonze kule ndawo.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 7