Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 6:6-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. ababamisayo emehlweni abapostile; bathi bakuthandaza, bazibeka izandla phezu kwabo.

7. Laye liya likhula ilizwi likaThixo, liya lisanda kakhulu inani labafundi eYerusalem; laye neqela elikhulu lababingeleli lilululamela ukholo.

8. Ke kaloku uStefano, ezele lukholo nangamandla, wayesenza izimanga nemiqondiso emikhulu phakathi kwabantu.

9. Kwesuka ke abathile basesikhungwini ekuthiwa sesabaKhululwa, nabaseKirene, nabakwa-Alesandire, nabathile belaseKiliki, nabelaseAsiya, bephikisana noStefano;

10. àbaba namandla akumelana nabo ubulumko noMoya, awayethetha ngaye.

11. Kwakuba njalo, banyebelezisa amadoda awathi, Simve ethetha amazwi okunyelisa uMoses noThixo.

12. Kanjalo babahlokohla abantu, kwanamadoda amakhulu nababhali; baza bemfikele bamthi hlasi, bamsa ematyaleni amakhulu.

13. Bamisa namangqina obuxoki, awathi, Lo mntu akayeki ukuthetha amazwi okunyelisa indawo engcwele nomthetho; kuba simve esithi,

14. UYesu waseNazarete lo uya kuyichitha le ndawo, awenze wambi amasiko awawanikela kuthi uMoses.

15. Bonke ababehleli entlanganisweni yamatyala, beqwalasele kuye, babubona ubuso bakhe, ngathi bubuso besithunywa sezulu.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 6