Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 5:5-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ewavile ke uHananiya la mazwi, wawa, waphuma umphefumlo; kwabakho ukoyika okukhulu kubo bonke ababezivile ezi zinto.

6. Asuka ke amadodana amsonga, amthwalela phandle, amngcwaba.

7. Kwaba mzuzwana ke, ngathi ngowamaxa amathathu, wathi umkakhe, engayazi loo nto ihlileyo, wangena.

8. Umphendule ke uPetros wathi, Ndixelele, umhlaba lo wakhutshelwa inani elingáka na? Wathi ke yena, Ewe, elingako.

9. Uthe ke uPetros kuye, Yini na ukuba nivumelane ngokumlinga uMoya weNkosi? Uyabona, iinyawo zabo bangcwabe indoda yakho sezisemnyango; baya kukuthwalela phandle.

10. Wawa ke kwalapho ezinyaweni zakhe, waphuma umphefumlo; bangena ke abafana, bamfumana efile, bamthwalela phandle, bamngcwabela ngasendodeni yakhe.

11. Kwabakho ukoyika kulo lonke ibandla, nakubo bonke abazivayo ezi zinto.

12. Ke kaloku, ngazo izandla zabapostile kwabakho imiqondiso nezimanga ezininzi phakathi kwabantu; baye bonke bemxhelo mnye evarandeni* kaSolomon.

13. Ke kaloku, kwabanye akubangakho namnye waba nabuganga bakusinamathelisa kubo; baye abantu bebenzé bakhulu.

14. Kwaba kukhona bekongezwayo abakholwayo kwiNkosi, into eninzi yamadoda neyabafazi;

15. bada bayithwalela phandle imilwelwe ezitratweni, bayibeka ezingqengqelweni nasezinkukweni, ukuze kuthi, akubon' ukuba uPetros uyeza, kubekho kuyo ethi isityekelwe sisithunzi sakhe.

16. Yaye ke ibuthelana eYerusalem nenkitha yabemizi ejikelezileyo, ithwele imilwelwe nabakhathazwa ngoomoya abangcolileyo, ababesithi bona baphiliswe bonke.

17. Ke kaloku wesuka umbingeleli omkhulu, nabo bonke ababenaye (abangabehlelo labaSadusi), bazala ngumsindo;

18. babesa izandla abapostile, babafaka entolongweni yabantu bonke.

19. Ke kaloku isithunywa seNkosi sazivula iingcango zentolongo ebusuku, sabakhupha, sathi,

20. Hambani, niye kuma nithethe etempileni kubo abantu onke amazwi obu bomi.

21. Bevile ke, bangena kwangesifingo etempileni, bafundisa.Wafika ke umbingeleli omkhulu nabo babenaye, wayibizela ndawonye intlanganiso yamatyala, nawo onke amadoda amakhulu akoonyana bakaSirayeli; bathumela endlwini yamakhonkxwa ukuba beziswe.

22. Ke kaloku, akufika amadindala, akabafumananga entolongweni; abuya ke abika, esithi,

funda isahluko epheleleyo Izenzo 5