Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 5:39-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

39. ukuba ke lelikaThixo, aninakulitshitshisa; hleze nifunyanwe ningábalwá kwanoThixo.

40. Bamthambela ke; bebabizile abapostile, babatyabula, babathethela ngelithi, mabangathethi ngegama likaYesu; babandulula ke.

41. Bemka ke ngoko bona ebusweni bentlanganiso yamatyala, bevuya, ngokuba kuthiwe bakufanele ukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe.

42. Kananjalo imihla yonke etempileni, nasemakhaya, babengayeki ukufundisa nokushumayela iindaba ezilungileyo zokuba uYesu unguye uKristu.*

funda isahluko epheleleyo Izenzo 5