Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 5:23-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Indlu yamakhonkxwa siyifumene okunene ivalwe ngokuqinileyo kanye, nabalindi bemi ngaphandle phambi kweminyango. Sívulile ke, asifumananga mntu ngaphakathi.

24. Bathe ke bakuweva la mazwi umbingeleli kwanomphathi wetempile, nababingeleli abakhulu, labakhohla, bathi,

25. Azi, ingaba yintoni na le nto? Wafika ke othile, wababikela esithi, Yabonani, amadoda lawa beniwafake entolongweni, nangaya etempileni, emi efundisa abantu.

26. Wesuka umphathi enamadindala, wabazìsa kungengamandla; kuba babesoyika abantu, hleze baxulutywe ngamatye.

27. Bebazisile ke, babamisa entlanganisweni yamatyala; wababuza umbingeleli omkhulu, esithi,

28. Besinganithethelanga na kunene ngelithi, maningafundisi ngeli gama? Niyabona, niyizalisile iYerusalem ngemfundiso yenu; nifuna ukulizisa phezu kwethu igazi lalo mntu.

29. Waphendula ke uPetros nabapostile, bathi, Simelwe kukuthi sive uThixo kunokuba sive abantu.

30. UThixo woobawo bethu wamvusa uYesu, enambulalayo nina ngokumxhoma emthini.

31. Yena lowo uThixo wamphakamisa ngesandla sakhe sokunene, wanguMthetheli noMsindisi, ukuze amnike uSirayeli inguquko noxolelo lwezono.

32. Saye singamangqina akhe ezo ndawo thina, kwanoMoya oyiNgcwele, awamnika abo bamvayo yena uThixo.

33. Bathe ke bona bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, babhunga ukuba babasike.

34. Ke kaloku kwesuka kwema othile entlanganisweni yamatyala, umFarisi ogama linguGamaliyeli, umfundisi womthetho, obekekileyo kubantu bonke, wathi makhe bakhutshelwe phandle kancinane abapostile; wathi kubo,

35. Madoda, maSirayeli, zilumkeleni ngento eniza kuyenza kwaba bantu.

36. Kuba ngaphambi kwale mihla, kwesuka uTuda, esithi yena ngokwakhe unguthile; ekwanamathela kuye inani lamadoda angathi amakhulu mané; ngowasikwayo lowo; bathi bonke ababemthambele babhangazeka, ababa nto.

37. Emva kwalowo kwesuka uYuda welaseGalili, ngemihla yobhalo lomlibo wokuzalwa, wakhukulisa abantu banela; naye lowo watshabalala; baza bonke ababemthambele bachithwachithwa.

38. Kungoku ke ndithi kuni, Khwelelani kwaba bantu nibayeke; ngokuba eli cebo, nalo msebenzi, ukuba lingaba lelabantu, lotshitsha:

39. ukuba ke lelikaThixo, aninakulitshitshisa; hleze nifunyanwe ningábalwá kwanoThixo.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 5