Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 5:21-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Bevile ke, bangena kwangesifingo etempileni, bafundisa.Wafika ke umbingeleli omkhulu nabo babenaye, wayibizela ndawonye intlanganiso yamatyala, nawo onke amadoda amakhulu akoonyana bakaSirayeli; bathumela endlwini yamakhonkxwa ukuba beziswe.

22. Ke kaloku, akufika amadindala, akabafumananga entolongweni; abuya ke abika, esithi,

23. Indlu yamakhonkxwa siyifumene okunene ivalwe ngokuqinileyo kanye, nabalindi bemi ngaphandle phambi kweminyango. Sívulile ke, asifumananga mntu ngaphakathi.

24. Bathe ke bakuweva la mazwi umbingeleli kwanomphathi wetempile, nababingeleli abakhulu, labakhohla, bathi,

25. Azi, ingaba yintoni na le nto? Wafika ke othile, wababikela esithi, Yabonani, amadoda lawa beniwafake entolongweni, nangaya etempileni, emi efundisa abantu.

26. Wesuka umphathi enamadindala, wabazìsa kungengamandla; kuba babesoyika abantu, hleze baxulutywe ngamatye.

27. Bebazisile ke, babamisa entlanganisweni yamatyala; wababuza umbingeleli omkhulu, esithi,

28. Besinganithethelanga na kunene ngelithi, maningafundisi ngeli gama? Niyabona, niyizalisile iYerusalem ngemfundiso yenu; nifuna ukulizisa phezu kwethu igazi lalo mntu.

29. Waphendula ke uPetros nabapostile, bathi, Simelwe kukuthi sive uThixo kunokuba sive abantu.

30. UThixo woobawo bethu wamvusa uYesu, enambulalayo nina ngokumxhoma emthini.

31. Yena lowo uThixo wamphakamisa ngesandla sakhe sokunene, wanguMthetheli noMsindisi, ukuze amnike uSirayeli inguquko noxolelo lwezono.

32. Saye singamangqina akhe ezo ndawo thina, kwanoMoya oyiNgcwele, awamnika abo bamvayo yena uThixo.

33. Bathe ke bona bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, babhunga ukuba babasike.

34. Ke kaloku kwesuka kwema othile entlanganisweni yamatyala, umFarisi ogama linguGamaliyeli, umfundisi womthetho, obekekileyo kubantu bonke, wathi makhe bakhutshelwe phandle kancinane abapostile; wathi kubo,

35. Madoda, maSirayeli, zilumkeleni ngento eniza kuyenza kwaba bantu.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 5