Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 4:9-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. ukuba thina namhlanje sincinwa ngomsebenzi wokumsiza umntu ongumlwelwe, ukuba uthiweni na ukusindiswa:

10. makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwaSirayeli, ukuba kusegameni likaYesu Kristu waseNazarete, enambethelelayo emnqamlezweni nina, athe uThixo wamvusa kwabafileyo; kungaye lowo, ukuba lo mntu eme apha phambi kwenu ephilile.

11. Nguye lo ilitye elenziwa into engento nini bakhi, elisuke laba yintloko yembombo.

12. Kananjalo usindiso alukho kuwumbi; kuba akukho gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo.

13. Ke kaloku, bakùbona ukungafihlisikuthetha koPetros noYohane, beqiqa nokuba ngabantu abangenamfundo, abangenakwazi, bamangaliswa; babaqonda ukuba babenaye uYesu.

14. Bakumbona ke umntu emi nabo, yena lowo uphilisiweyo, ababanga nandawo yakuphika.

15. Bakuba bethe, mabaphume entlanganisweni yamatyala, bacebisana bodwa, besithi,

16. Siya kubathini na aba bantu? Kuba okunene, ukuba kuhlé ngabo umqondiso owazekayo, oyinto ebonakalayo kubo bonke abemi eYerusalem, nathi asinakuyikhanyela loo nto.

17. Ukuze ke loo nto ingahlakazeki ngakumbi ebantwini, masise sibasongela ngelokuba bangabi sathetha mntwini ngeli gama.

18. Bebabizile, babathethela ngelithi, mabangabi sakhankanya nakanye, bangafundisi nokufundisa ngegama likaYesu.

19. Ke kaloku uPetros noYohane baphendula, bathi kubo, Yahlulani nina, ukuba bubulungisa na emehlweni kaThixo ukuva nina, kunokuva uThixo;

20. kuba singenako thina ukuthi singazithethi izinto esazibonayo, esazivayo.

21. Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula; bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile.

22. Kuba wayedlule emashumini amané eminyaka umntu lowo, wawuhle kuye lo mqondiso wokuphiliswa.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 4