Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 4:20-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. kuba singenako thina ukuthi singazithethi izinto esazibonayo, esazivayo.

21. Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula; bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile.

22. Kuba wayedlule emashumini amané eminyaka umntu lowo, wawuhle kuye lo mqondiso wokuphiliswa.

23. Ke kaloku, bakundululwa, baya kwababo, babika oko zingako izinto abazithetháyo kubo ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu.

24. Bona ke, bekuvile oko, baphakamisa izwi kuThixo ngamxhelo mnye, bathi, Mnini-ntozonke, wena unguThixo owalenzayo izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo nto;

25. owathi ngomlomo kaDavide umkhonzi wakho,Zazibhavumelani na iintlanga,Zaza izizwe zacamanga izinto ezingento?

26. Bazimisa ookumkani behlabathi,Nabaphathi bahlanganisana ndawonyeNgokuyichasa iNkosi, naye uKristu* wayo.(INdum. 2:1,2)

27. Kuba, inyaniso, ngaye uMkhonzi wakho oyingcwele onguYesu, owamthambisayo, kwahlanganisana uHerode, kwanoPontiyo Pilato, ndawonye neentlanga nabantu bakwaSirayeli,

28. ukuba benze izinto zonke ezamiswayo ngenxa engaphambili sisandla sakho nalicebo lakho, ukuba zibekho.

29. Okwangoku ke, Nkosi, zikhangele izisongelo zabo, ubanike abakhonzi bakho ukuba balithethe ilizwi lakho ngako konke ukungafihlisi,

30. ekusoluleni isandla sakho ukuba uphilise, nokuba kubekho imiqondiso nezimanga ngegama loMkhonzi wakho oyingcwele, uYesu.

31. Bakubon' ukuba bakhungile, yazanyazanyiswa indawo ababehlanganisene kuyo, bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, balithetha ilizwi likaThixo ngokungafihlisiyo.

32. Ke kaloku inkitha yababekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo mnye; kwaye kungekho namnye ubesithi kukho nto iyeyakhe empahleni yakhe; zonke izinto zaye zizezobudlelane kubo.

33. Baye abapostile* bekungqinela ngamandla amakhulu ukuvuka kweNkosi uYesu; kwaye kukho ukubabalwa okukhulu kubo bonke.

34. Kuba kwakungekho namnye phakathi kwabo, wayeswele; kuba bonke ababenemihlaba, nokuba zizindlu, babesithi bathengise ngazo, bawazise amaxabiso ezo zinto kuthengisiweyo ngazo,

35. bawabeke ezinyaweni zabapostile; waye ke elowo esabelwa njengoko ebesukuba eswele ngako.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 4