Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 4:18-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Bebabizile, babathethela ngelithi, mabangabi sakhankanya nakanye, bangafundisi nokufundisa ngegama likaYesu.

19. Ke kaloku uPetros noYohane baphendula, bathi kubo, Yahlulani nina, ukuba bubulungisa na emehlweni kaThixo ukuva nina, kunokuva uThixo;

20. kuba singenako thina ukuthi singazithethi izinto esazibonayo, esazivayo.

21. Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula; bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile.

22. Kuba wayedlule emashumini amané eminyaka umntu lowo, wawuhle kuye lo mqondiso wokuphiliswa.

23. Ke kaloku, bakundululwa, baya kwababo, babika oko zingako izinto abazithetháyo kubo ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu.

24. Bona ke, bekuvile oko, baphakamisa izwi kuThixo ngamxhelo mnye, bathi, Mnini-ntozonke, wena unguThixo owalenzayo izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo nto;

25. owathi ngomlomo kaDavide umkhonzi wakho,Zazibhavumelani na iintlanga,Zaza izizwe zacamanga izinto ezingento?

26. Bazimisa ookumkani behlabathi,Nabaphathi bahlanganisana ndawonyeNgokuyichasa iNkosi, naye uKristu* wayo.(INdum. 2:1,2)

27. Kuba, inyaniso, ngaye uMkhonzi wakho oyingcwele onguYesu, owamthambisayo, kwahlanganisana uHerode, kwanoPontiyo Pilato, ndawonye neentlanga nabantu bakwaSirayeli,

28. ukuba benze izinto zonke ezamiswayo ngenxa engaphambili sisandla sakho nalicebo lakho, ukuba zibekho.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 4