Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 4:14-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Bakumbona ke umntu emi nabo, yena lowo uphilisiweyo, ababanga nandawo yakuphika.

15. Bakuba bethe, mabaphume entlanganisweni yamatyala, bacebisana bodwa, besithi,

16. Siya kubathini na aba bantu? Kuba okunene, ukuba kuhlé ngabo umqondiso owazekayo, oyinto ebonakalayo kubo bonke abemi eYerusalem, nathi asinakuyikhanyela loo nto.

17. Ukuze ke loo nto ingahlakazeki ngakumbi ebantwini, masise sibasongela ngelokuba bangabi sathetha mntwini ngeli gama.

18. Bebabizile, babathethela ngelithi, mabangabi sakhankanya nakanye, bangafundisi nokufundisa ngegama likaYesu.

19. Ke kaloku uPetros noYohane baphendula, bathi kubo, Yahlulani nina, ukuba bubulungisa na emehlweni kaThixo ukuva nina, kunokuva uThixo;

20. kuba singenako thina ukuthi singazithethi izinto esazibonayo, esazivayo.

21. Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula; bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile.

22. Kuba wayedlule emashumini amané eminyaka umntu lowo, wawuhle kuye lo mqondiso wokuphiliswa.

23. Ke kaloku, bakundululwa, baya kwababo, babika oko zingako izinto abazithetháyo kubo ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu.

24. Bona ke, bekuvile oko, baphakamisa izwi kuThixo ngamxhelo mnye, bathi, Mnini-ntozonke, wena unguThixo owalenzayo izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo nto;

25. owathi ngomlomo kaDavide umkhonzi wakho,Zazibhavumelani na iintlanga,Zaza izizwe zacamanga izinto ezingento?

funda isahluko epheleleyo Izenzo 4