Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 4:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bakubon' ukuba bayathetha kubo abantu, ababingeleli, nomphathi wetempile, nabaSadusi, bathi gaga phezu kwabo,

2. bebindekile ngenxa yokuba befundisa abantu, bekuxela ukuvuka kubo abafileyo ngoku kukaYesu ukuvuka.

3. Babesa izandla, babafaka entolongweni, kwada kwaba lingomso; kuba bekuse kuhlwile.

4. Ke kaloku into eninzi yâbo babelivile ilizwi, yakholwa; lathi inani lamadoda langa limawaka mahlanu.

5. Kwathi ke ngengomso, kwahlanganiselana eYerusalem abaphathi babo, namadoda amakhulu, nababhali,

6. noAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, nabo bonke abomlibo wombingeleli omkhulu.

7. Bathe bakuba bebamise phakathi, bababuza besithi, Le nto nina niyenze ngamandla mani na, nangagama lini na?

8. Wandula uPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wathi kubo, Nina baphathi babantu, nani madoda makhulu akwaSirayeli,

9. ukuba thina namhlanje sincinwa ngomsebenzi wokumsiza umntu ongumlwelwe, ukuba uthiweni na ukusindiswa:

funda isahluko epheleleyo Izenzo 4