Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 3:9-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Baza bonke abantu bayibona ihambahamba, idumisa uThixo;

10. bayazi nokuyazi, ukuba ingulowa ubehlalela amalizo eMnyango oMhle wetempile, bathi qhiphu umbilini, bathi nqa yiloo nto ihlileyo kuyo.

11. Ke kaloku, sakubon' ukuba isiqhwala esiphilisiweyo sibabambe ngesandla ooPetros noYohane, bonke abantu babalekela kubo evarandeni* ekuthiwa yekaSolomon, beqhiphuke umbilini kakubi.

12. Akukubona ke oko uPetros, waphendula wathi kubo abantu, Madoda, maSirayeli, yini na ukuba nimangaliswe yile nto? Kanjalo yini na ukuba nisijonge, ngathi simenzé wahamba ngawethu amandla, nangokwethu ukuhlonela uThixo?

13. UThixo wooAbraham noIsake noYakobi, uThixo woobawo bethu, umzukisile umkhonzi wakhe uYesu, enamnikelayo, namkhanyela ebusweni bukaPilato nina, akubon' ukuba yena ugwebe ngelithi, makakhululwe.

14. Ke nina namkhanyela oyiNgcwele, oliLungisa, nacela ukuba ninikwe indoda engumbulali.

15. Ke yona iMbangi yobomi nayibulala; awayivusayo uThixo kwabafileyo, esingamangqina ako oko thina.

16. Nangenxa yokukholwa kwigama layo, lo nimbonayo, nimaziyo, limomelezile igama layo; lwathi ukholo olungayo lwamnika oku kuphila kupheleleyo phambi kwenu nonke.

17. Nangoku, bazalwana, ndiyazi ukuba nenzé ngokungazi, njengabo nabo abaphathi benu.

18. Ke uThixo, izinto awazixela ngenxa engaphambili ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe, zokuba uKristu eve ubunzima, uzizalisile wenjenje.

19. Guqukani ke ngoko, nibuye, ukuze zicinywe izono zenu; ngokokuze afike amathuba okuphumza, evela ebusweni beNkosi;

20. ithùme uYesu Kristu, owayevakalisiwe kuni ngenxa engaphambili;

21. lowo kumele okunene ukuba amazulu amamkele, kude kufike amaxesha okubuyiswa kweento zonke, awawathethayo uThixo ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe abangcwele, kususela kunaphakade.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 3