Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 3:11-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ke kaloku, sakubon' ukuba isiqhwala esiphilisiweyo sibabambe ngesandla ooPetros noYohane, bonke abantu babalekela kubo evarandeni* ekuthiwa yekaSolomon, beqhiphuke umbilini kakubi.

12. Akukubona ke oko uPetros, waphendula wathi kubo abantu, Madoda, maSirayeli, yini na ukuba nimangaliswe yile nto? Kanjalo yini na ukuba nisijonge, ngathi simenzé wahamba ngawethu amandla, nangokwethu ukuhlonela uThixo?

13. UThixo wooAbraham noIsake noYakobi, uThixo woobawo bethu, umzukisile umkhonzi wakhe uYesu, enamnikelayo, namkhanyela ebusweni bukaPilato nina, akubon' ukuba yena ugwebe ngelithi, makakhululwe.

14. Ke nina namkhanyela oyiNgcwele, oliLungisa, nacela ukuba ninikwe indoda engumbulali.

15. Ke yona iMbangi yobomi nayibulala; awayivusayo uThixo kwabafileyo, esingamangqina ako oko thina.

16. Nangenxa yokukholwa kwigama layo, lo nimbonayo, nimaziyo, limomelezile igama layo; lwathi ukholo olungayo lwamnika oku kuphila kupheleleyo phambi kwenu nonke.

17. Nangoku, bazalwana, ndiyazi ukuba nenzé ngokungazi, njengabo nabo abaphathi benu.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 3