Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 3:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, uPetros, noYohane babenyuka bendawonye, besiya etempileni ngexesha lomthandazo, ililixa lesithoba.

2. Kwaye ke kuthwelwe ndoda ithile, ibisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo, ababeyibeka imihla ngemihla emnyango wetempile, lowo kuthiwa Mhle, ukuba icele amalizo kwabangénayo etempileni;

3. eyathi, yakubona uPetros noYohane beza kungena etempileni, yacela ukuba bayilize.

4. Uthe ke uPetros, enoYohane, eqwalasele kuyo wathi, Khangela kuthi apha.

5. Yabagqala ke, ilinde ukwamkela into kubo.

6. Wathi ke uPetros, Isilivere negolide andinayo, kodwa endinako ndikunika khona: egameni likaYesu Kristu umNazarete, vuka uhambe.

7. Wayibamba ngesandla sokunene, wayivusa; zomelezeka ke kwalapho iinyawo zayo namaqatha ayo.

8. Yesuka umtsi, yema, yahambahamba, yangena nabo etempileni, ihambahamba itsiba, imdumisa uThixo.

9. Baza bonke abantu bayibona ihambahamba, idumisa uThixo;

10. bayazi nokuyazi, ukuba ingulowa ubehlalela amalizo eMnyango oMhle wetempile, bathi qhiphu umbilini, bathi nqa yiloo nto ihlileyo kuyo.

11. Ke kaloku, sakubon' ukuba isiqhwala esiphilisiweyo sibabambe ngesandla ooPetros noYohane, bonke abantu babalekela kubo evarandeni* ekuthiwa yekaSolomon, beqhiphuke umbilini kakubi.

12. Akukubona ke oko uPetros, waphendula wathi kubo abantu, Madoda, maSirayeli, yini na ukuba nimangaliswe yile nto? Kanjalo yini na ukuba nisijonge, ngathi simenzé wahamba ngawethu amandla, nangokwethu ukuhlonela uThixo?

13. UThixo wooAbraham noIsake noYakobi, uThixo woobawo bethu, umzukisile umkhonzi wakhe uYesu, enamnikelayo, namkhanyela ebusweni bukaPilato nina, akubon' ukuba yena ugwebe ngelithi, makakhululwe.

14. Ke nina namkhanyela oyiNgcwele, oliLungisa, nacela ukuba ninikwe indoda engumbulali.

15. Ke yona iMbangi yobomi nayibulala; awayivusayo uThixo kwabafileyo, esingamangqina ako oko thina.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 3