Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 28:21-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Wona ke athi kuye, Thina asizuzanga zincwadi zithetha ngawe, zivele kwelakwaYuda; kananjalo akufikanga bani wakubazalwana, owabika, wathetha nto ikhohlakeleyo ngawe.

22. Sìnga ke singeva kuwe izinto ozicingayo; kuba okunene ngalo elo hlelo kuyazeka kuthi, ukuba lichasiwe ezindaweni zonke.

23. Ke kaloku, bakummisela imini, kweza kuye into eninzi endlwini abehlala kuyo, wabatyhilela, ebaqononondisa kunene, ubukumkani bukaThixo; kananjalo ebebeyisela kokungoYesu, ethabatha emthethweni kaMoses kwanakubaprofeti, eqala kusasa ahlwise.

24. Yaye inxenye iseyiseka ngaloo mazwi athethwa nguye, yaye inxenye ingàkholwa.

25. Bakuba ke bengavumelani, banduluka, akubon' ukuba uPawulos uthethe zwi-nye, wathi,

26. Watyapha uMoya oyiNgcwele ukuthetha ngoIsaya umprofeti koobawo bethu, esithi,Hamba uye kwaba bantu, uthi,Ukuva oku niya kuva, ningakhe niqonde;Nithi nibona nje, nibone, ningakhe niqiqe.

27. Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba;Beva nzima ngeendlebe,Bewacima namehlo abo;Hleze babone ngamehlo,Beve ngeendlebe,Baqonde ngeentliziyo,Bajike, ndibaphilise.(UIsaya 6:9,10)

28. Makwazeke ngoko kuni, ukuba usindiso lukaThixo luthunyelwe kuzo iintlanga; ziya kuluva zona.

29. Akuba etshilo, emka amaYuda, enembuzwano enkulu phakathi kwawo.

30. Ke kaloku, uPawulos wahlala iminyaka emibini iphela kweyakhe indlu ayiqeshileyo, wabamkela bonke ababesiza kuye,

31. ebuvakalisa ubukumkani bukaThixo, efundisa iindawo ezingeNkosi uYesu Kristu ngako konke ukungafihlisi, engalelwa bani.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 28