Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 28:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bakuba besindile, baqala ukuqonda ukuba isiqhithi eso kuthiwa yiMelita.

2. Amabharbhari* ke lawo asenzela ububele obungahlali busihla; kuba aphemba umlilo, asamkela sonke ngenxa yemvula esifikeleyo, nangenxa yokubanda.

3. Ke kaloku, akubon' ukuba uPawulos utheze inyanda yeentsasa, wayibeka phezu komlilo, kwaphuma inyoka ebushushwini obo, yanamathela esandleni sakhe.

4. Athe ke amabharbhari, akusibona isilo eso silengalenga esandleni sakhe, athetha odwa athi, Okwenene lo mntu ungumbulali; nakuba esindile elwandle, impindezelo ayivumi ukuba adle ubomi.

5. Yena ngoko wasivuthululela emlilweni isilo eso, akeva buhlungu noko.

6. Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe; bakùlinda futhi ke, bakùbona engahliwa nto imbi, bajika bathi unguthixo.

7. Ke kaloku, kuloo mmandla bekukho imihlaba yomntu omkhulu wesiqithi, ogama linguPubliyo; owasamkela ngobubele, wasenza undwendwe lwakhe iintsuku zantathu.

8. Kwathi ke, uyise kaPubliyo walala phantsi, ebanjwe yicesina nokuxaxaza igazi; awathi uPawulos, engene kuye, wathandaza; wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa.

9. Kuthe ke kwakwenzeka oko, bathi nabanye ababenezifo esiqithini apho, beza baphiliswa; bathi bona basenzela iimbeko ezininzi;

10. bathi, xa sindulukayo, basithwesa ngezinto esizisweleyo.

11. Ke kaloku, emva kweenyanga ezintathu, sanduluka ngomkhombe wakwa-Alesandire, obudlulise ubusika esiqithini eso, onembasa yamaWele.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 28