Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 27:30-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Ke kaloku, bakubon' ukuba oomatrose bangxamele ukubaleka baphume emkhombeni, bewuhlisele elwandle umkhonjana, bengáthi baza kuyekelela iankile ngaphambili,

31. wathi uPawulos kumthetheli-khulu nakumasoldati, Ukuba aba abathanga bahlale emkhombeni, aninakusindiswa nina.

32. Andula amasoldati azinqamla iintsontelo zomkhonjana, awuyeka wawa, wemka.

33. Ke kaloku kwada kwaza kusa, uPawulos ebabongoza bonke ukuba badle ukudla, esithi, Namhla ngumhla weshumi elinesiné nilinda, nimana nizila ukudla, ningafaki nto emlonyeni;

34. ke ngoko ndiyanibongoza ukuba nidle ukudla; kuba oko kuyelelene nokusindiswa kwenu; kuba akuyi kuwa nalunwele lwentloko kabani kuni.

35. Ke kaloku, akuba etshilo, wathabatha isonka, wabulela kuThixo emehlweni abo bonke; waqhekeza, waqala wadla.

36. Bonke ke baba nomxhelo owonwabileyo, bathabatha ukudla nabo.

37. Saye ke emkhombeni apho sonke siyimiphefumlo emakhulu mabini anamanci asixhenxe anamithandathu.

38. Bathe ke, bakuhlutha, bawenza khaphukhaphu umkhombe, beyiphosa elwandle ingqolowa.

39. Kwakusa ke, abawazanga loo mhlaba; ke babona ichwetyana elithile linonxweme, babhunga ukuwutyhalela kulo umkhombe, ukuba bangaba nako.

40. Baza, bezinqumla zonke iiankile, baziyekela elwandle, bezikhulule kunye nezibophelelo zemithi yokujika; bayitwabulula iseyilana ngasemoyeni, babhekisa elunxwemeni.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 27