Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 26:23-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. zokuba uKristu* ubeza kuva iintlungu, nokuba ubeza kuthi, engowokuqala eluvukweni lwabafileyo, azise ukukhanya ebantwini nasezintlangeni.

24. Ke kaloku, akubon' ukuba uyaziphendulela ngokunjalo, uFesto wathi ngezwi elikhulu, Ùyageza, Pawulos; imfundo eninzi iyakugezisa.

25. Wathi ke yena, Andigezi, Festo odume kunene; ndiphimisela amazwi enyaniso nawengqondo ephilileyo.

26. Kuba ezo ndawo úyazazi kakuhle ukumkani, endithetha kuye ngokungafihlisiyo; kuba ndikholosekile kukuba akukho nanye yezi zinto ifihlakeleyo kuye; kuba le nto ibingenzelwanga egumbini.

27. Ùyakholwa na, kumkani Agripa, ngabaprofeti? Ndiyazi ukuba uyakholwa.

28. Wathi ke uAgripa kuPawulos, Ngokuncinane undeyisela ukuba ndibe ngumKristu.

29. Wathi ke uPawulos, Ndithandaza kuThixo, ukuba ingabi nguwe wedwa, ibe ngabo bonke abandivayo namhlanje, abaya kuthi, nangokuncinane nangokukhulu, babe njengam nje, ngaphandle kwezi ntambo.

30. Akuba etshilo, besuka ukumkani, nerhuluneli, noBhernike, kwanababehleli nabo;

31. beshenxile, bathetha bodwa bathi, Lo mntu akenze nanye into elingene ukufa neentambo.

32. Wathi ke uAgripa kuFesto, Lo mntu ange enokukhululwa, ukuba ubengabhenele kuKesare.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 26