Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 26:13-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. emini enkulu endleleni, kumkani, ndabona ukukhanya kuvela ezulwini, okungaphezu kokuqaqamba kwelanga, kundibanekela ngeenxa zonke, nabò babehamba nam.

14. Sìthe ke sakubon' ukuba siwile sonke emhlabeni, ndeva izwi lithetha nam ngentetho yesiHebhere, lisithi, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na? wenzakala, ukhaba iimviko nje.

15. Ndathi ke mna, Ungubani na, Nkosi? Yathi ke yona, Mna ndinguYesu omtshutshisayo.

16. Vuka, ume ngeenyawo; kuba ndibonakele kuwe ngenxa yoku, ukuba ndikumise ube ngumkhonzi nengqina lezi zinto uzibonileyo, nendiya kubonakala kuwe ngazo;

17. ndikunyothula ebantwini nasezintlangeni, endikuthuma kuzo ngokunje;

18. ukuba uvule amehlo abo, ukuze babuye ebumnyameni, beze ebumhlotsheni; babuye egunyeni likaSathana, beze kuThixo; ukuze bamkele uxolelo lwezono, nelifa phakathi kwabangcwalisiweyo, ngokukholwa kum.

19. Ekuthe koko, kumkani Agripa, andaba nguye ongawululameliyo umbono wasemazulwini;

20. ndesuka ndababikela abaseDamasko kuqala, nabaseYerusalem, nakulo lonke ilizwe lakwaYuda, nakuzo iintlanga, ukuba baguquke babuyele kuThixo, benze imisebenzi efanele inguquko.

21. Ngenxa yezi zinto amaYuda andibamba etempileni, azamela ukundibulala.

22. Ngoko ndizuze uncedo kuThixo nje, ndimisile kude kube yile mini, ndingqina komncinane nakomkhulu, ndingathethi nanye into ngaphandle kwezo, bathi abaprofeti noMoses ziza kubakho;

23. zokuba uKristu* ubeza kuva iintlungu, nokuba ubeza kuthi, engowokuqala eluvukweni lwabafileyo, azise ukukhanya ebantwini nasezintlangeni.

24. Ke kaloku, akubon' ukuba uyaziphendulela ngokunjalo, uFesto wathi ngezwi elikhulu, Ùyageza, Pawulos; imfundo eninzi iyakugezisa.

25. Wathi ke yena, Andigezi, Festo odume kunene; ndiphimisela amazwi enyaniso nawengqondo ephilileyo.

26. Kuba ezo ndawo úyazazi kakuhle ukumkani, endithetha kuye ngokungafihlisiyo; kuba ndikholosekile kukuba akukho nanye yezi zinto ifihlakeleyo kuye; kuba le nto ibingenzelwanga egumbini.

27. Ùyakholwa na, kumkani Agripa, ngabaprofeti? Ndiyazi ukuba uyakholwa.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 26