Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 26:11-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Nakuzo zonke izindlu zesikhungu ndibe ndibohlwaya futhi, ndibanyanzela ukuba banyelise; ndathi, ndibagezela ngokuncamisileyo, ndabatshutshisa, ndada ndesa kwimizi engaphandle.

12. Kunjalonje ke, kwathi, xa ndiyayo eDamasko, ndinegunya nemvume kubabingeleli abakhulu,

13. emini enkulu endleleni, kumkani, ndabona ukukhanya kuvela ezulwini, okungaphezu kokuqaqamba kwelanga, kundibanekela ngeenxa zonke, nabò babehamba nam.

14. Sìthe ke sakubon' ukuba siwile sonke emhlabeni, ndeva izwi lithetha nam ngentetho yesiHebhere, lisithi, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na? wenzakala, ukhaba iimviko nje.

15. Ndathi ke mna, Ungubani na, Nkosi? Yathi ke yona, Mna ndinguYesu omtshutshisayo.

16. Vuka, ume ngeenyawo; kuba ndibonakele kuwe ngenxa yoku, ukuba ndikumise ube ngumkhonzi nengqina lezi zinto uzibonileyo, nendiya kubonakala kuwe ngazo;

17. ndikunyothula ebantwini nasezintlangeni, endikuthuma kuzo ngokunje;

18. ukuba uvule amehlo abo, ukuze babuye ebumnyameni, beze ebumhlotsheni; babuye egunyeni likaSathana, beze kuThixo; ukuze bamkele uxolelo lwezono, nelifa phakathi kwabangcwalisiweyo, ngokukholwa kum.

19. Ekuthe koko, kumkani Agripa, andaba nguye ongawululameliyo umbono wasemazulwini;

funda isahluko epheleleyo Izenzo 26