Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 25:5-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wathi, Mabathi ngoko abanako phakathi kwenu, behle kunye nam, bayimangalele, ukuba kukho into kule ndoda.

6. Akuba ke elibele kubo imihla engaphezu kweshumi, wehla waya eKesareya; ngengomso, akuba ehleli esihlalweni sokugweba, wathi makaziswe uPawulos.

7. Uthe ke akufika, amaYuda abehle evela eYerusalem, amngqonga, emtyhola ngamatyala amaninzi anzima uPawulos, awayengenako ukuwamisa;

8. esithi yena ukuziphendulela, Nasemthethweni wamaYuda, nasetempileni, nakuKesare,* andonanga nto.

9. Ke uFesto, efuna ukuzithandisa kumaYuda, umphendule uPawulos wathi, Ùyathanda na ukunyuka uye eYerusalem, lithethwe khona ityala lezi zinto phambi kwam?

10. Uthe ke uPawulos, Ndimi esihlalweni sokugweba sikaKesare, apho limele ukuthethwa khona ityala lam. AmaYuda andiwonanga nganto, njengokuba nawe usazi kakuhle.

11. Kuba okunene ukuba ndonile, ndenza into elingene ukufa, andali kufa; kodwa ukuba akukho nanye yezo zinto bandimangalela ngazo aba, akukho namnye unako ukundinikela kubo. Ndibhenele kuKesare.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 25