Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 25:3-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. becela ukuba abababale ngokumbiza eze eYerusalem; bemlalele ukuze bambulale endleleni.

4. Waphendula ke ngoko uFesto, wathi, ugcinwe eKesareya uPawulos; naye ke ngokwakhe uza kuya kamsinya.

5. Wathi, Mabathi ngoko abanako phakathi kwenu, behle kunye nam, bayimangalele, ukuba kukho into kule ndoda.

6. Akuba ke elibele kubo imihla engaphezu kweshumi, wehla waya eKesareya; ngengomso, akuba ehleli esihlalweni sokugweba, wathi makaziswe uPawulos.

7. Uthe ke akufika, amaYuda abehle evela eYerusalem, amngqonga, emtyhola ngamatyala amaninzi anzima uPawulos, awayengenako ukuwamisa;

8. esithi yena ukuziphendulela, Nasemthethweni wamaYuda, nasetempileni, nakuKesare,* andonanga nto.

9. Ke uFesto, efuna ukuzithandisa kumaYuda, umphendule uPawulos wathi, Ùyathanda na ukunyuka uye eYerusalem, lithethwe khona ityala lezi zinto phambi kwam?

10. Uthe ke uPawulos, Ndimi esihlalweni sokugweba sikaKesare, apho limele ukuthethwa khona ityala lam. AmaYuda andiwonanga nganto, njengokuba nawe usazi kakuhle.

11. Kuba okunene ukuba ndonile, ndenza into elingene ukufa, andali kufa; kodwa ukuba akukho nanye yezo zinto bandimangalela ngazo aba, akukho namnye unako ukundinikela kubo. Ndibhenele kuKesare.

12. Waza uFesto, akuba ethethe nephakathi, waphendula wathi, Ùbhenele kuKesare; ùya kuya kuKesare.

13. Ke kaloku, kwakubon' ukuba kudlule imihla ethile, uAgripa, ukumkani, noBhernike bafika eKesareya, besiza kubulisa uFesto.

14. Bakulibala khona ke imihla emininzi, uFesto wazandlala phambi kokumkani lowo izinto ezingaye uPawulos, esithi, Kukho ndoda ithile ishiyiweyo nguFelikis, ikhonkxiwe,

funda isahluko epheleleyo Izenzo 25