Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 25:21-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Akubon' ukuba ke uPawulos ubhenele ukuba agcinelwe isigwebo soMhlekazi, ndathi makagcinwe, ndide ndimthumele kuKesare.

22. Wathi ke uAgripa kuFesto, Bendinga nam ndingakhe ndimve umntu lowo. Wathi ke yena, Ùya kumva ngomso.

23. Uthe ke akufika ngengomso uAgripa enoBhernike, benendili enkulu, bengene nasendaweni yokuphulaphulela amatyala, benabathetheli-waka namadoda amakhulu omzi, waziswa uPawulos ngezwi likaFesto.

24. Wathi uFesto, Agripa kumkani, nani nonke madoda akhoyo nathi, niyambona lo mntu, ethe yonke inkitha yamaYuda yasingisa kum ngaye, naseYerusalem nalapha, ibhomboloza kakhulu isithi, akasafanele kudla ubomi;

25. mna ke ndithe ndakùqonda ukuba akenzanga nto ilingene ukufa, akubon' ukuba naye ngokwakhe ubhenele kuMhlekazi, ndagqiba kwelokuba ndimthumele kuye,

26. endingenanto iyinyaniso ndingayibhalayo ngaye enkosini yam. Ngako oko ndimzisé phambi kwenu, ngokukodwa phambi kwakho, kumkani Agripa, ukuze, kwakubon' ukuba kunciniwe, ndibe nento endingayibhalayo;

27. kuba kum kubonakala ibubudenge, ukuba kuthunyelwe ikhonkxwa, lingaqondakaliswa netyala elinalo.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 25