Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 25:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Uthe ngoko uFesto, akuba engene eburhulumenteni, wathi emva kwemihla emithathu, wenyuka waya eYerusalem, esuka eKesareya.

2. Ke kaloku, umbingeleli omkhulu nabaziintloko kumaYuda bammangalela uPawulos kuye, bambongoza,

3. becela ukuba abababale ngokumbiza eze eYerusalem; bemlalele ukuze bambulale endleleni.

4. Waphendula ke ngoko uFesto, wathi, ugcinwe eKesareya uPawulos; naye ke ngokwakhe uza kuya kamsinya.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 25