Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 24:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Kuba siyifumene le ndoda isisifo, umphambanisi kuwo onke amaYuda akwelimiweyo, ingumkhokeli walo ihlelo lamaNazarete;

6. eyathi yalinga ukuyihlambela netempile: esathi sayibamba, safuna ukuyigweba ngowethu umthetho;

7. usuke uLisiya, umthetheli-waka, wafika, wayihlutha ngamandla amakhulu ezandleni zethu;

8. wathi, mabeze kuwe abamangaleli bayo, ongáthi wena ngokwakho, wakuzincina zonke iindawo, ube nako ukuziqonda kuye ezo siyimangalela ngazo thina.

9. NamaYuda ke avumelana naye, athi kunjalo kanye.

10. Ke kaloku waphendula uPawulos, yakunqwala kuye irhuluneli ukuba athethe, wathi:Ndisazi kakuhle nje, ukuba sekuyiminyaka emininzi ungumgwebi kolu hlanga, kokukhona ndiziphendulela ngomxhelo owonwabileyo ngazo iindawo ezingam.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 24