Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 24:22-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Ke kaloku, akuziva ezi zinto uFelikis, uthe, ezazi ngokhona kucokisekileyo iindawo zale Ndlela, wabalibazisa, wathi, Xa athe wehla uLisiya umthetheli-waka, ndoziqiqa kakuhle iindawo zenu.

23. Kanjalo wammisela umthethelikhulu, ukuba agcinwe uPawulos, abe nokuyekelelwa, kungàlelwa nabani wakowabo ukumnceda, nokuba eze kuye.

24. Ke kaloku, emva kwemihla ethile, wafika uFelikis enoDrusila umkakhe, umYudakazi, wathumela wambiza uPawulos, wamva ethetha ngako ukukholwa kuKristu.

25. Akubon' ukuba ke uthetha ngobulungisa, nokuzeyisa, nangogwebo oluza kubakho, wangenwa kukoyika uFelikis, waphendula wathi, Hamba okwakalokunje: ke ndakùzuza ithuba, ndokubiza uze.

26. Kunye ke noko, wayethembe ukuba wonikwa imali nguPawulos, ukuze amkhulule; ngako oko kwaba kukhona ambiza futhi, ukuba eze axoxe naye.

27. Ke kaloku, kwakubon' ukuba kudlule iminyaka emibini, uFelikis wakhululana noPorkiyo Festo; kanjalo wathi uFelikis, efuna ukuzithandisa kumaYuda, wamshiya uPawulos ekhonkxiwe.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 24