Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 24:13-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kananjalo àbanako ukuzimisa izinto abandimangalela ngazo ngoku.

14. Ke ndiyakuvuma oku kuwe, ukuba ngeNdlela abathi bona sisiphambusa, ndenjènjalo ukumkhonza uThixo wakowethu, ndikholwa zizinto zonke ezibhaliweyo emthethweni nasebaprofetini;

15. ndinethemba kuThixo, into ke abayilindileyo nabo ngokwabo, ukuba kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa.

16. Ke kaloku, kule nto nam ngokwam ndiyazama, ukuba ngamaxesha onke ndingabi nasazela sikhubekisa nganto ngakuThixo nangakubantu.

17. Emva kweminyaka emininzi, ndafika ndizisa amalizo neminikelo kuhlanga lwakowethu.

18. Kwezo nto ándifumana etempileni ndenziwe nyulu, ndingenzi siphendu, ndingenzi nasiphithiphithi, amaYuda athile elaseAsiya;

19. abemelwe kukubakho apha phambi kwakho, andimangalele, ukuba angaba anendawo ngakum;

20. okanye mabathi bona aba, ukuba kukho nto yokungalungisi bayifumeneyo kum, bayixele, ndakubon' ukuba ndimi apha entlanganisweni yamatyala;

21. ingelilo elo lizwi linye, ndadandulukayo ngalo ndimi phakathi kwabo, lokuthi, Kungalo uvuko lwabafileyo endimangalelwayo mna nini namhla.

22. Ke kaloku, akuziva ezi zinto uFelikis, uthe, ezazi ngokhona kucokisekileyo iindawo zale Ndlela, wabalibazisa, wathi, Xa athe wehla uLisiya umthetheli-waka, ndoziqiqa kakuhle iindawo zenu.

23. Kanjalo wammisela umthethelikhulu, ukuba agcinwe uPawulos, abe nokuyekelelwa, kungàlelwa nabani wakowabo ukumnceda, nokuba eze kuye.

24. Ke kaloku, emva kwemihla ethile, wafika uFelikis enoDrusila umkakhe, umYudakazi, wathumela wambiza uPawulos, wamva ethetha ngako ukukholwa kuKristu.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 24