Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 24:11-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kuba ungánokuqonda, ukuba akuntsuku zingaphezu kweshumi elinambini, ndenyukayo ndaya kunqula eYerusalem;

12. nasetempileni abandifumananga ndixoxa namntu, ndisenza nasiphendu, nasezindlwini zesikhungu, naphi phakathi komzi.

13. Kananjalo àbanako ukuzimisa izinto abandimangalela ngazo ngoku.

14. Ke ndiyakuvuma oku kuwe, ukuba ngeNdlela abathi bona sisiphambusa, ndenjènjalo ukumkhonza uThixo wakowethu, ndikholwa zizinto zonke ezibhaliweyo emthethweni nasebaprofetini;

15. ndinethemba kuThixo, into ke abayilindileyo nabo ngokwabo, ukuba kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa.

16. Ke kaloku, kule nto nam ngokwam ndiyazama, ukuba ngamaxesha onke ndingabi nasazela sikhubekisa nganto ngakuThixo nangakubantu.

17. Emva kweminyaka emininzi, ndafika ndizisa amalizo neminikelo kuhlanga lwakowethu.

18. Kwezo nto ándifumana etempileni ndenziwe nyulu, ndingenzi siphendu, ndingenzi nasiphithiphithi, amaYuda athile elaseAsiya;

19. abemelwe kukubakho apha phambi kwakho, andimangalele, ukuba angaba anendawo ngakum;

20. okanye mabathi bona aba, ukuba kukho nto yokungalungisi bayifumeneyo kum, bayixele, ndakubon' ukuba ndimi apha entlanganisweni yamatyala;

funda isahluko epheleleyo Izenzo 24