Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 23:10-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Kuthe ke, yakuba nkulu impambano, wathi umthetheli-waka, esoyikela ukuba uPawulos angáqwengwa ngabo, wathi mawuhle umkhosi, umxwile phakathi kwabo, umzise enqabeni yawo.

11. Ke kaloku ngobo busuku iNkosi yema ngakuye, yathi, Yomelela, Pawulos; kuba njengokuba waqononondisa izinto ngam eYerusalem, kwangokunjalo umelwe kukuthi ungqine naseRoma.

12. Ke kaloku kwakusa, abathile kumaYuda bathuthelana bazibopha ngesiqalekiso, besithi abayi kudla, abayi kusela nokusela, bade bambulale uPawulos.

13. Baye ke bengaphezu kwamashumi omané ababefungele ukuyenza loo nto;

14. abathi bona beza kubabingeleli abakhulu nakumadoda amakhulu, bathi, Sizibophile ngesiqalekiso esikhulu, ukuba singafaki nto emlonyeni, side simbulale uPawulos;

15. ke ngoku nina bhekisani kumthetheli-waka kunye nentlanganiso yamatyala, ukuba amhlise, eze naye kuni ngomso, ngokungathi niza kuziqiqa ngokukhona kucokisekileyo iindawo ezithethwa ngaye; sibe ke thina, engekasondeli, sesilungiselele ukumbulala.

16. Ke kaloku, akukuva unyana wodade boPawulos ukumlalela kwabo, wafika wangena enqabeni yomkhosi, wambikela uPawulos.

17. UPawulos ubizele ke kuye omnye wakubathetheli-khulu, wathi, Yisa le ndodana kumthetheli-waka; kuba inento eza kuyibika kuye.

18. Uyithabathile ke yena, wayizisa kumthetheli-waka, wathi, UPawulos, umbanjwa undibizele kuye, wacela ukuba ndizise le ndodana kuwe; inento eza kuyithetha kuwe.

19. Wayibamba ke ngesandla umthetheli-waka, waya nayo ngasese, wayibuza wathi, Ùnantoni na oza kuyibika kum?

funda isahluko epheleleyo Izenzo 23