Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 23:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waqwalasela ke uPawulos entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndahlala ngokwalowo ungowakwaThixo, ndinesazela esilungileyo, kwada kwayile mini.

2. Ke kaloku umbingeleli omkhulu, uHananiya, wathi kwabo babemi ngakuye, mabambethe emlonyeni.

3. Waza wathi uPawulos kuye, Úza kukubetha uThixo, ludongandini luqatyiweyo. Wena uthi uhlalele ukuba uthethe ityala lam ngokomthetho, ubuye waphule umthetho, uthi mandibethwe?

4. Bona ke ababemi khona bathi, Ùyamthuka na umbingeleli omkhulu kaThixo?

5. Wathi uPawulos, Bendingazi, bazalwana, ukuba ungumbingeleli omkhulu; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze ungathethi kakubi ngomphathi wabantu bakowenu.

6. Ke kaloku uPawulos, esazi ukuba elinye icala lelabaSadusi, elinye ke lelabaFarisi, wadanduluka entlanganisweni yamatyala esithi, Madoda, bazalwana, mna ndingumFarisi, ndingowomFarisi; ndimangalelwe mna ngalo ithemba nangovuko lwabafileyo.

7. Uthe ke akukuthetha oko, kwabakho impambano phakathi kwabaFarisi nabaSadusi, yahlulelana inkitha leyo;

8. kuba okunene abaSadusi babesithi, akukho luvuko, nasithunywa sazulu, namoya; kodwa abaFarisi bazivuma zombini ezo ndawo.

9. Kwabakho ke unkqangazo olukhulu; besuka ababhali becala labaFarisi balwa kakhulu, besithi, Asifumani nanye into embi kulo mntu; ke ukuba kuthethe umoya kuye, nokuba sisithunywa sezulu, masingalwi noThixo thina.

10. Kuthe ke, yakuba nkulu impambano, wathi umthetheli-waka, esoyikela ukuba uPawulos angáqwengwa ngabo, wathi mawuhle umkhosi, umxwile phakathi kwabo, umzise enqabeni yawo.

11. Ke kaloku ngobo busuku iNkosi yema ngakuye, yathi, Yomelela, Pawulos; kuba njengokuba waqononondisa izinto ngam eYerusalem, kwangokunjalo umelwe kukuthi ungqine naseRoma.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 23